Kwiminyaka engama-2,000 eyadlulayo, uThixo onguMdali weza kulo mhlaba egameni likaYesu, waza wamisela umnqophiso omtsha.
Ngomnqophiso omtsha, abantwana bakaThixo,ababandezelekileyo sisono nokufa, banokuxolelwa isono nobomi obungunaphakade.
Kangangeminyaka emithathu, uYesu wamisela abafundi bakhe umzekelo wokugcina umnqophiso omtsha.
“Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni.”Yoh 13:15 Emva kovuko, uYesu wacela abafundi bakhe ukuba bafundise bonke abantu ukugcina umnqophiso omtsha ukuze basindiswe.( Mateyu 28:19 )
Belandela amazwi kaYesu, abafundi Bakhe bashumayela umnqophiso omtsha.
Kumnqophiso omtsha, esinokuthi ngawo sixolelwe izono, kukho ummiselo wonqulo.
Indoda esukuba igubungela intloko yayo ngexesha lokunqula, kulihlazo oko kuThixo; Ke yena umfazi, ukuba akagqubuthele, kulihlazo oko entloko kuye. ( 1Ko 11:4 )
Kwibandla elilandela umnqophiso omtsha owamiselwa nguKristu, umfazi ugquma intloko ngesigqubuthelo xa enqula, ibe indoda ayikwenzi oko.
Nangona kujalo, emva koNyuko lukaYesu, abanye abafazi bazingisa kwelokuba akuyomfuneko ukuba banxibe izigqubuthelo elunqulweni.
Ngenxa yoku, umpostile uPawulos wababongoza ukuba banxibe izigqubuthelo, ecacisa ukuba iinwele ezinde zikhangeleka zintle kumfazi ngokwendalo yomntu.
Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele? Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo? Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo. Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo. 1 Korinte 11:13–16
IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba umfazi ufanele agqume ngesigqubuthelo entloko ebudeni bonqulo.
Uqheliselo lokunxiba isigqubuthelo somfazi ebudeni bonqulo ngomnye wemithetho omtsha owafundiswa nguYesu nompostile uPawulos.
Kuyintando kaThixo ukulandela ummiselo wesigqubuthelo.
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala